

BONA XHOSA- August 1995 101
UNONOPHELO OLUPHELELEYO LOLUSU LWAKHO


ULUSU lwakho luba luhle kuphela ngendlela olukhathalela ngayo, kwaye awukashiywa lixesha lokuqaisa inkqubo yokunonophela ulusu. AbakwaYardley bakwenzela lula ngePure PERFORMANCE , le yimveliso ekunika okona kusulungeka kwendalo, kwanempumelelo yeenzululwazi.

IPURE PERFORMANCE
inonophela naluphi na uhlobo olusu ikwanezithako ezizizo zobunzulu-lwazi nezendalo ezikhanyisa zigudise ulusu lakho. Zonke iimveliso ngaphandle kwesicoci zinesithako esitsha nesithandwayo senzululwazi: I-Alpha Hydroxy Acid . IPURE PERFORMANCE ineeasidi zesiqhamo ezikhanywe kwilamuni necucumber , ziluncedo ekwenzeni ulusu lube lutsha ngathi lolosana, lukhanye, ludiz'ukuba sempilweni ngokuzishenxisa msinya iiseli ezonakeleyo ngaphezulu kolusu ukuze kuvele iiseli ezinik' impilo nezintsha. Umphumo: kukukhanya kolusu okugudileyo okuzifunxa lula iimveliso zokunonophela ulusu.

Udidi olulungele wena: i-Oily Skin Range ithintela ulusu olukhanyayo nolunyinyithekayo ngezi ndlela zimbini: inokukhanywe kwigrapefruit nokulungisa iintunja ezivuleke kakhulu, zize izithako zobunzulu-lwazi zilawule isixa seoyile ekhutshwa lulusu. Inkqubo enamanyathelo amathathu iquka iPurifying Face Wash iSoothing Skin Astringent neLight Day Protection eneSun Protection Factor ( SPF ) of 8.

ipure performance ikwaneNormal / Combination Skin Range , eyilelwe abasetyhini abakhathazwa kukunyinyitheka kwempumlo, izidlele nebunzi nabanobuso obuthanda ukoma. Kwabasetyhini abavakalelwa kukuba ulusu lwabo lomile, luqinile lungakhululekanga, kukho iDry Skin Range . Kukho neemveliso ezifanela zonke iintlobo zolusu: iActive Cleansing Mask neGentle Face . Nengoncedo olwengeziweyo, iimveliso ezifumisayo zinezicoci ezibalulekileyo ezinjengoVithamin E onceda ekukhuseleni ulusu kwizinto ezibangela amanya njengokucinezeleka, ukutshaya, imitha egqatsileyo yelanga nongcoliso. IPURE PERFORMANCE ivavanywe ngoogqirha bolusu akukho nanye kwiimveliso zePure PERFORMANCE ethakwe ngamafutha ezilwanyana, ingakhange ilingwe nakwizilwanyana. 





102 BONA XHOSA - August 1995

OBONA BUHLE!

Ukugqatsa kwelanga kweli, ungcoliseko ezixekweni nokuzisebenzisa phosakeleyo izithambisilusu xa kudibane konakalisa ulusu. Amabala kulusu, iziva nokutshintsha kwebala lolusu ziyinxalenye yale miphumo.



ITahlita Perfection Face Cream iyimveliso entsha ebalaseleyo yakwa-Avroy Shlain , inezithako ezikhethekileyo zokuthothisa iziphako kulusu, amabala kwanokutshintsha kwebala lolusu. Ikwanceda ekunciphiseni ukuyileka kwebala elingafaniyo kulusu namabala abangelwa kukwaluphala, amayeza nelanga.
iPerfection Face Cream ikwaneSun Protection Factor of 15 ekukhusela kwimitha egqatsileyo yelanga nengundoqo wokudaleka kwebala nokutshintsha kwebala.
Esi sithako sibalaseleyo kule Cream sithothisa ukuba mnyama kakhulu kolusu, sikuqinisekisa ngokukhanya kolusu emva kweeveki ezimbalwa. Ifunxeka lula, ayikho ncangathi ilungele ukuba uqale ngayo phambi kokusebenzisa iimake-up .
Ngenxa yemozulu kweli sibila kakhu1u, kubila oko okuyindlela yokuziphozisa komzimba. Umphumo woku livumba elibi lomzimba elingathandekiyo nelinganyamezelekiyo. Okunokuphelisa le ngxaki yinkqubo yamihla le yokuzicoca njengokuhlamba umzimba ebhafini okanye ukungena eshawa usebenzisa isepha oyithandayo.
Elona vumba libi lomzimba lelamakhwapha ukucheba uboya bamakhwapha kuyanceda ekushenxiseni into ebangela ivumba elibi.
Khetha isinqandi-kubila njengeTahlita Roll-on Anti-Perspirant yakwaAvroy Shlain , inevumba elimnandi, ineeoli zeponyoponyo ukwenzela ukuba imini yonke uhlale unuka kamnandi.
IModeli yethu ikhethe ipure Gold Eyeshadow yakwa-Avroy Shlain , iPlum Promises Lipstick neNail Colour ukwenzela le nkangeleko yakhe ibukekayo. Okokugqibela akusebenzisileyo yiWhite Satin Eau de Parfum Spray yakwa-Avroy Shlain enevumba leentyatyambo
elimnandi elithabathekisayo entwasahlobo.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezibhekele phaya, qhakamshelana neStaphanie kwa-Avroy Shlain ngale nombolo yefowuni : (011) 444-2960. 



116 BONA XHOSA - August 1995

Ukuze ube nako konke, kufumane konke

Kubonakala ngathi mihla le kuveliswa intlama yamazinyo. Nganye ibhetele kunelandelayo, ungayikhetha njani? Kulula. Khangela intlama yamazinyo ekunika konke okufunayo.


NAKU OKUFUNAYO.
* Okulwa nePlague . iPlague lukhokho lwentsholongwane eyileka emazinyweni akho mihla le. Kukho isixa sentsholongwane yendalo emilonyeni yethu sandiswa kukutya esikutyayo. (Kungenxa yoko le nto oogqirha besithi masitye ukutya okunempilo kuphela.) iPlague iqokelelana phakathi kwamazinyo neentsini, ibangela isifo seentsini.
Xa ungawabrashi amazinyo akho uya kuphawula indlela ezishwabana ngayo iintsini ethubeni namazinyo akho ayagungquma, ekugqibeleni aphume. Okufunayo yintlama yamazinyo elwa nePlague nekwazi ukuyithintela ingaphindi iyileke.
* Okukunika Umoya Onuka Kamnandi. Xa iintsholongwane zisetyisa ukutya okusemlonyeni zikubangela ube nevumba elinuka kakubi. Eli vumba linokupheliswa ngokubrasha ngentlama yamazinyo enesithako esikubangela ube nomoya onuka kamnandi.
* Okulwa Nemingxuma Emazinyweni. Amazinyo akho agqunywe ngenamel ewakhusela kwiintsholongwane eziwabangela abole. Ukuba intsholongwane iwakrukrutha de igqobhose le namel kofuneka uye kugqirha wamazinyo ukuze ivalwe. Ukuba akukhawulezi wenjenjalo lonke izinyo liya kutshintsha umbala ngenxa yokubola. Intlama yamazinyo kufuneka ibe neflouride ukuze yomeleze le namel , ikuthintele kwakuqala ukuvela kwemingxuma.
*Isicoci. Ukuba unokucinga ngezinto esizifaka emilonyeni yethu unokuqonda ukuba kulula kangakanani ukuba amazinyo ethu aphelelwe bubumhlophe bawo obunhle. Ukuze siwagcime emhlope, emahle kufuneka sisebenzise intlama yamazinyo enceda ekuwagcineni amazinyo ecocekile, emhlophe.


NANTONI NA UYAYIFUMANA.

INTLAMA YAMAZINYO IAQUAFRESH IKWENZA KONKE.

Ubusazi nje ukuthi intlama yamazinyo iaquafresh ikuphela kwenemigca? Kungenxa yokuba le ntlama yamazinyo yakwaAquafresh inoko okufuna kwiintlama zamazinyo. Umgca obomvu ngumlwi onamandla weplague , umgca oluhlaza ukwenza ube nevumba elinuka kamnandi, omhlophe ngumlwi wemingxuma nomcocisisi.

KHUMBULA...

Kuxhomekeke kuwe ukuba ukhathalele amazinyo akho.
* Ukuba ufuna ukuwagcina, kubhetele uwacoce. Brasha amazinyo kabini ngemini,
kusasa nangokuhlwa ukuze uwugcine umlomo wakho ucocekile unomoya onuka kamnandi.
 Sebenzisa ibrashi yamazinyo iFlex `n Direct yakwaAquafresh efikelela kuzo zonke iikona zomlomo wakho, nengazikhuthuli iintsini zakho.
* Yiya kugqirha wakho wamazinyo kabini ngonyaka ukuqiniseka ukuthi amazinyo akho mahle.



BONA XHOSA - August 1995 119

OLONA NYANGO LULUNGELE IINWELE ZAKHO


Indlela yokucoca iinwele zakho:
Njengokuba ukucoca ubuso kuyinto yokuqala kunonophelo lolusu lwakho, nokuhlamba iinwele zakho ngesepha ezilungeleyo kuyinto yokuqala kunonophelo lweenwele. Kubalulekile ukuzihlamba iinwele zakho ebuncinaneni kanye ngeveki ukuze kuphume ukungcola, uthuli, ioyile egqithisileyo kunye nokungcola okwenziwe ziimveliso zokuthambisa iinwele. Oku kwenza ukuba iimveliso zokuthambisa iinwele kunye nezinye izinto ozisebenzisa ezinweleni njengokuzirileksa zingena kakuhle ezinweleni yaye zisebenze kakuhle.
Isikhumba esigqume ukhakhayi neenwele ziethe-ethe kakhulu kwaye zifuna ukukhathalelwa ngendlela eyodwa. Ukuhlamba iinwele ngesepha akulunganga kuba isepha ine-Alkaline kwaye inokwenza sirhawuzele isikhumba esigqume ukhakhayi kunye nenkwethu. Isepha inokuzonakalisa izomise iinwele zakho izenze zibukeke zingenabomi kwaye zixwebile. Iisepha zokuhlamba iinwele zakwaELSEVE zenziwe ngendlela eyodwa ecoca isikhumba esigqume ukhakhayi neenwele zakho ngaphandle kokuzomisa okanye ukuzonakalisa. Zine-Ph kwaye ngenxa yohlobo ezenziwe ngalo ziya kuzinceda iinwele zakho. abakwaLoreal bacebisa ukuba kusetyenziswe iELSEVE Protein Repair nelungele kakhulu iinwele ezomileyo nezinqalekileyo. I-Elseve Mild Shampoo ayikho bukhali kangangokuba ungayisebenzisa yonke imihla. Ineprothini yesiqhelo eninzi efana nezenziwe ngayo iinwele. Izicoca izikhusele ngobunono iinwele kwaye apho kuphele iprothini iyayibuyisela izibuyisele esiqhelweni iinwele. Ezinye izithako ezikule sepha zenza ukuba iinwele zithambe zikameke kwaye zibukeke.
Emva kokuzihlamba kufuneka uzenze zithambe kwaye iProtein Repair ikunika izinto ezimbini omawukhethe kuzo: iRinse-off Conditioner kunye neNo Rinse Mousse Conditioner . Zombini ezi zinto zizinika isondlo iinwele zakho zizibuyisele kwimeko yazo kwaye zizikhusele zizenze ukuba zithambe, zimenyezele kwaye kube lula ukuzolula kodwa yona iRinse-off Conditioner ijiyile kuneNo Rinse Mousse Conditioner elula engasoze izenze zidinwe iinwele zakho. I-Intensive Hair Treatment onokuyisebenzisa kanye ngeveki ukunyanga iinwele zakho izinika unonophelo olulodwa iinwele zakho  ingena ngaphakathi ezinweleni zakho ikhulule ubuhle bayo obubambekileyo ibuyisele ukumenyezela nokutyeba konwele lakho.
ILoreal Elseve inemveliso ezahlukeneyo ezinokulungela naluphi na unwele:

IMossoia Balsam yeenwele eziqhelekileyo nezomileyo

IMulti Vitamins yeenwele eziqhelekileyo

Ijojoba yenwele eziphakathi ukuya kwezinde

Iginkgo yeenwele ezibuthathaka nezixwebileyo

UKUBA UFUNA EZINYE
IINKCUKACHA TSALELA
UMNXEBA UMCEBISI WAKWALOREAL KULE NOMBOLO
INGAHLAWULELWAYO: 0800 115 958




BONA XHOSA - August 1995

UMICHELLE GAYLE
ULINENEKAZI ELIKHETHEKILEYO


Libala ngento obuyicinga nangezinto osenokuba ubuyigxeka ngayo kuba le mvumi ithe gqi nesandi esitsha esimnandi

Kubalisa uBongani Hlatshwayo

WAZALELWA kumaNtla weLondon (kodwa akazelelwanga eMpuma Yurophu ), kumzi ekwakusoloko kuvakala izandi zomculo owawuthandwa ngabazali bakhe kanti emzini kaninakhulu wayesiva umculo wereggae qho ngeempelaveki -inde gqitha imvelaphi kaMichelle emculweni.
Umculo kaGladys Knight , oweThe Ohio Players noweAl Green uxutywe nokaBob Marley , uDennis Brown noSugar Minot - kuze kuxutywe nezithethe ezahlukeneyo zabantu baseLondon zenze umculo oyivulele amathuba ebomini le mvumi iselula. uMichelle uthi esemncinane wayechitha imini ngokuhlala emethini ephulaphule umculo.
UGeneral Levy wayehlala ngaphesheya kwesitrato kanti kwakufutshane kwakuhlala amalungu eMC Juice , umama wayephangela kwinkampani eshicilela amacwecwe kaOmar .
Umculo yinto eyayinditsholozela ndisakhula. Ndandiphulaphula iNucelus , iMtume, IPlanet Rock , The Treacherous Three nePublic Enemy neElectic Ballroom eCamden .
Lolu hlobo lomculo wehip-hop nowesoul awuchola kwizitrato ngezitrato uMichelle awawusebenzisa kwiqela lakhe lentambula lokuqala, iRomor Phus .
Eli qela lalinomculo okhawulezayo kodwa wawumfanele uMichelle kuba wayexakekile efunda kwisikolo sokudlala imidlalo yeqonga nokucula emini.
Iminyaka emihlanu kamva sabonwa isiphiwo sakhe somculo yinkampani eshicilela amacwecwe kaS.W.V. akaOmar nakaJade , waza wavelisa uncuthu lomculo okwicwecwe lakhe elitsha elithi Walk With Pride ngo-1994. Eli cwecwe lakhe lokuqala lineengoma ezininzi ezimnandi eziquka nekwicwecwe lakhe lokuqala elinengoma enye elithi Looking Up .
Eli cwecwe lanyuka kumanqwanqwa omculo de lakwindawo ye-11.
Ukuze ashicilele icwece lakhe lesibini elithi Sweetness , uMichelle wantingela eLos Angeles ukuze adibane nombhali wengoma uNarad Michael Walden (Obhale iingoma zikaWhitney Houston noAretha Franklin ). Umphumo woko kudibana luncuthu lomculo.
Iingoma ezinjengethi Girlfriend , enesingqisho sebhesi nerap, nengoma eyintloko yeli cwecwe ethi Walk With Pride , zibonisa ukuba uMichelle ligqiyazana elikhutheleyo nelizimiseleyo.
Ukususela kwingoma yeSoul ethi Rise Up , nengoma ethi Personality kuse kwethi Freedom nengumculo wokholo eli cwecwe liyayichukumisa intliziyo. Uya kude udinwe kukuzijuxuzela iingoma zibe zisemnandi.
Nakuba uNevada Walden , uDavid James , uSteve Jervier noSimon Climie bequkiwe kule albham yakhe, uMichelle ukungqinile ukuba akalawulwa ngomnye umntu emculweni wakhe kuba ubhale okanye wancediswa ekubhaleni iingoma ezingama-40 ekhulwini kwicwecwe lakhe.
	
		BONA XHOSA - August 1995 101

		

		BONA XHOSA - AUGUST 1995 	1l9

	ILoreal Elseve inemveliso ezahlukeneyo

		BONA XHOSA- August 1995 123

